Isaziso esiya kumaLungu
Ubhaliso luqala ngentsimbi ye-8 kusasa.
I-ajenda yokuqala yale ntlanganiso imi ngolu hlobo:
Ukufumana nokwamkela iingxelo zezemali zonyaka ophele ngowama-31 kuDisemba ka-2009, kuqukwa neeNgxelo zeBhodi yaBaphathiswa kunye neNgxelo evela kubaphicothi-zincwadi beGEMS bangaphandle.
Ukuphinda kuqeshwe uSizweNtsaluba VSP njengomphicothi-zincwadi wangaphandle weencwadi zeNgxowa-mali ngokwemimiselo yomGaqo wama-27.1 wemiGaqo yeGEMS.
Ukuqinisekiswa kweenguqu kwiBhodi yaBaphathiswa:
Kucelwa isihoyo kumaLungu anqwenela ukufaka imiba efuna ukushukuxwa kunye/okanye ukusonjululwa kwi-ajenda yentlanganiso ngemimiselo yemigaqo 28.1.5.1 ukuya ku-28.1.5.6 yeMigaqo yeGEMS, iveziwe apha ngezantsi:
Isisombululo eso esiphakanyisiweyo kumele sifikelele kwiGosa eliyiNtloko kwiintsuku ezingadlulanga kwezili-10 phambi komhla wentlanganiso kawonke-wonke yonyaka.
Isisombululo eso esiphakanyiswayo kumele sikhatshwe yimemo enika inkcazelo nechaza ngokucacileyo ukuba kutheni esi sisombululo siphakanyiswayo kumele sijongiwe kunye nentsusa yesi sisombululo siphakanyiswayo.
Amagama aphakanyiswayo esi sisombululo ekufanele senziwe kufuneka angeniswe.
Akukho sisombululo sophula okanye singquzulana noMthetho, neMiqathango okanye nale migaqo esiya kufakwa kwi-ajenda ukuze siqwalaselwe kwintlanganiso kawonke-wonke yonyaka.
Isigqibo sokuba ingaba umba kumele uqukwe kwi-ajenda yentlanganiso kawonke-wonke yonyaka kusini na siya kwenziwa liGosa eliyiNtloko, elisenokucela isikhokelo kwiBhodi.
Ukuba iGosa eliyiNtloko liphanzile okanye lalile ukufaka umba okanye isisombululo esiphakanyiswayo kwi-ajenda yentlanganiso kawonke-wonke yonyaka, ilungu elo lingacela iGosa eliyiNtloko ukuba linike izizathu zesigqibo salo ngembalelwano, lize emva koko, ukuba oku kuyimfuneko, eli Lungu licele ukuba lo mba kwenziwe isigqibo ngawo kwintlanganiso ekhethekileyo enokubanjwa ngokwemimiselo yomgaqo 28.2.
Ngokomyalelo weBhodi yaBaphathiswa.
b Intlanganiso iye yaphawula ukuba uNksz Vumendlini-Schalk uya kuyihlalela le ntlanganiso ngokwemimiselo yomGaqo 28.1.8 weGEMSkubauSihlalo,uNjingRichardLevinwayeyekuvotololwabiwo-mali loMphathiswaweeNkonzokunyenoLawulo loLuntu kwisikhundla sakhe njengoMlawuli Jikelele weSebe leeNkonzo noLawulo loLuntu.
c USihlalo wentlanganiso uye waqinisekisa ukuba inani lamalungu angama-30 elimiselweyo ukuze intlanganiso iqale, njengoko kumiselwe kumGaqo 28.1.3 weGEMS ingaba kufikelelwe kulo kusini na.
d Intlanganiso iye yazalisekisa konke okufunekayo ukuze iqhubeke nokujongana nemiba ekwi-ajenda, uSihlalo wentlanganiso uye waqinisekisa ukuba isaziso sokubanjwa kweNtlanganiso kaWonke-wonke yoNyaka yesiBini yamalungu eNgxowa-mali kunye ne-ajenda yokuqala, nengxelo yeBhodi yaBaphathiswa, nengxelo ehloliweyo yezemali yonyaka eshunqulelweyo kunye nengxelo yomphicothi-zincwadiziyezathunyelwakumalunguphambikokuphelakwenyangakaMeyika-2009ngokwemimiseloyemiGaqo yeNgxowa-mali.
e USihlalo wentlanganiso uye wamkela entlanganisweni amalungu akhoyo kwakunye naba bantu balandaleyo:
g USihlalo wentlanganiso uye wanika iGosa eliyiNtloko leNgxowa-mali, uGqr Eugene Watson, ithuba lokwenza ingxelo kwintlanganiso malunga nentsebenzo yeNgxowa-mali kwimisebenzi yayo yeli xesha lihlaziywayo. UGqr Watson uye waqhubeka nokunika intlanganiso iindaba eziphambili ngentsebenzo yeNgxowa-mali eyithelekisa necebo elivunyiweyo loka-2008 kunye nezalathiso zoshishino eziphambili kunye nemiba yamvanje eye yazibonakalisa ngeli xesha lihlaziywayo.
Ukwamkelwa kweZisombululo a USihlalo wentlanganiso uye waqinisekisa ukuba izisombululo ezithathu eziphakanyisiweyo neziye zacanjalaliswa phambi kwentlanganisa zezi:
d Intlanganiso iphinde yaphawula ukuba amalungu eNgxowa-mali abechongwe ngamanye amalungu ukuze avowute egameni lawo onke angaBaphathiswa kunye namalungu eqela laBaphathi abaLawula iNgxowa-mali. Aba bantu bachongiweyo baye babonisa kwintlanganiso yeBhodi yaBaphathiswa yangomhla wama-23 kuJuni ka-2009 indlela abanqwenela ukuvotela ngayo isisombululo ngasinye esondlalwe entlanganisweni.
e Emva kokondlalwa nokuxoxwa kwesisombululo ngasinye kwezi zilandelayo, uSihlalo uye wachazela amalungu indlela ezi proksi zichongiweyo eziye zavota ngayo waza wondlala izisombululo ukuze zamkelwe.
Amalungu aphawule ukuba:
Ngokwemimiselo yeefomu zeproksi ezifunyenweyo, amalungu angama-206 avotele ukuba kwamkelwe imiZuzu yeNtlanganiso kaWonke-wonke yoNyaka yesiBini yamalungu eyayibanjwe ngomhla wama-30 kuJuni ka-2008 njengomfanekiso ochanekileyo wentlanganiso, njengokuba ilungu eli-1 liye lanqwenela ukungathathi nxaxheba kuvoto.
iii USihlalo wentlanganiso wazise amalungu akhoyo ukuba ngokwemimiselo yeefomu zeproksi ezifunyenweyo, amalungu angama-205 avotele ukuba iiNgxelo zezeMali zoNyaka zika-2008 zamkelwe, kwaye akukho malungu avotele ukuza zingamkelwa ezi ngxelo zezemali. AmaLungu ama-2 anqwenele ukungathathi nxaxheba kuvoto.
Intlanganiso iphawule ukuba iSizweNtsaluba VSP iqeshwe ukusukela ngomhla woku-1 kuJanuwari ka-2006 yiBhodi yaBaphathiswa yeNgxowa-mali yeXeshana emva kokuba bekulandelwe inkqubo yethenda ka-2005. Le nkampani iye yaphinda yaqeshwa ngamalungu eNgxowa-mali ukuze iphicothe iingxelo zezemali zeNgxowa-mali zexesha eliphela ngowama-31 kuDisemba ka-2007, kwakunye neengxelo zezemali zexesha eliphela ngowama-31 kuDisemba ka-2008 emva kokuba le nkampani ibonise ukuba iyakwazi ukukwenza oku kwaye inesakhono sokuphicotha iingxelo zezemali zeNgxowa-mali ngokwemimiselo yomthetho.
Intlanganiso iye yeva ukuba kuye kwalandelwa inkqubo yethenda evulelekileyo ukuze kuchongwe inkampani yophicotho lweencwadi enokuqeshwa njengabaphicothi-zincwadi bangaphandle beNgxowa-mali yalo nyaka wezemali uphela ngowama-31 kuDisemba ka-2009.
INgxowa-mali iqhubekekile nokukhula ngoka-2009 kwaye nangona iye yakhula kangaka, yanobukhulu obungaka kunye nemingeni eye yavela, kuye kwakho iqela lezinto eziye zanempumelelo engathethekiyo ngoka-2009. IBhodi yaBaphathiswa beGEMS iyazingca ngenkqubela eyenziwe yiNgxowa-mali nangendlela eye yahlangabezana nemingeni evele ngoka-2009 nendlela iimfuno zababonelelwa beGEMS eziyezakhuselwangayomaxeshaonke.
Ubizo, umbono kunye neenkolelo
INgxelo yoBizo
Ukunika bonke abasebenzi beenkonzo zoluntu ithuba elilinganayo lokufikelela kwizibonelelo zonakekelo lwempilo ezifikelelekayo ngokwemalinezipheleleyo.
INgxelo yoMbono
INgxelo yeeNkolelo
Ukugqwesa
Ubulula
Uthungelwano olucacileyo
Ukujongana namalungu
Ukusebenza ngendlela efanayo
Ukuba namacebo
Ukukwazi ukusabela
Ixabiso ngemali yakho
Ubulumko
IZicwangciso zaMacebo
Ukugcina inkqubo yolawulo encomekayo, emiselwe ekuphendulelweni, ekuthobeleni imithetho nakubudlelwano obusebenzayo nabobanezabelo
Ukugcina nokuphucula iinkonzo kunye nolawulo lwemisebenzi yeNgxowa-mali, ngemigangatho yeenkonzo ezigqwesileyo nangeenkonzozamalunguezinentsebenzo
Ukubonisa ukuthi kratya, ukuqokelela imali ekuvimba nokugcina inqanaba lobalo-mali oluncomekayo
Ukugcina nokuphucula iinkonzo zengxowa-mali yenkampani
Ukuhlangabezana nengozi ngaphambi kokuba yenzeke ngokunempumelelo, ngenjongo yokuvala ukuba sesichengeni kweNgxowa-malikwiilahleko.
IBhodi ihlaziye ukumiselwa kweeKomiti ezimiselwe yiBhodi ngo-2009 ngenjongo yokusebenzisa ngokupheleleyo izakhono kunye namava aBaphathiswa kunye namalungu eKomiti azimeleyo. Uhlahlelo lweBhodi lukwajonge nokufaneleka kwemimiselo yokwalathisa iKomitikwazakwafunekaiinguqunjeezingephi.
ABaphathiswa basebenzile kwiiKomiti ngo-2009 njengoko kuxeliwe kumacandelo esi-7 nawes-8 eNgxelo yeBhodi. IBhodi iqinisekise ngoHlahlelo lwayo lweNtsebenzo yeBhodi yaminyaka le ukuba iiKomiti zisebenza kakuhle kwaye iingxelo eziya kwiBhodi zezezinga eliphezulu.
Amalungu eKomiti azimeleyo asebenza kwiiKomiti zeNgxowa-mali zabaPhicothi-zincwadi, zoNcedo neeKomiti zeNgxwaba-ngxwaba bachongwa yiBhodi ukuze basebenze ixesha lokuphatha elingangeminyaka emithathu kwaye ixesha lamanye ala malungu liphelelwe ngelixeshalihlaziywayo.IBhodiiyeyaphindayachongaonkelamaLungueKomitiukubaasebenzeeminyeiminyakaemithathunephelela ngo-2012.
Imimiselo yolawulo lwendlela yokuziphatha esetyenziswa yiNgxowa-mali iye yaphuculwa ngeli xesha ihlaziywayo ngokuthi kuqalwe inkqubo yokuphicotha yaBaphathiswa, yamalungu ekomiti azimeleyo neyabasebenzi. Inkqubo yokuphicotha yinxalenye yemigaqo yolawulo lokuziphatha kweNgxowa-mali ehlanganisa iikomiti zeNgxowa-mali zaBaphathi nezolawulo, iiNkqubo zakwa-Human Resources,i-SupplyChainManagementkunyenesiCwangcisonomGaqo-nkqubowoThintelolobuQhophololo.
Unyulo lwaBaphathiswa abanyulwa ngamaLungu kumele lwenzeke ngebhalothi kwaye ngokwenkqubo emiselwe kwimigaqo.
Umntu okanye iqela elizimeleyo elichongwe yiBhodi kumele ijongane nonyulo lwaBaphathiswa bamaLungu kwaye, emva konyulo, kumele lingenise ingxelo kwiBhodi apho lomntu okanye eli qela lizimeleyo lichazela iBhodi:
Ukuba ingaba banelisekile kusini na ukuba unyulo belukhululekile kwaye lunobulungisa, nokuba beluqhutywe ngokwenkqubo evunywe yiBhodi ngokwale migaqo;
Amagama aBaphathiswa abanyulwa ngamaLungu kunye namagama abantu abaphinde bonyulwa kwiBhodi, kwaye
Kumele bagunyazise ukuba aba bantu banyulwe ngamaLungu, nyani bangabantu abanesidima.
Ukuba iBhodi ithe emva kokujonga le ngxelo ngalo mntu okanye ngeli qela lizimeleyo yaza yaneliseka ukuba unyulo luqhutywe ngokwenkqubo eyalelwe yiBhodi nenkqubo ekhululekileyo nenobulungisa, iGosa eliyiNtloko kumele lazise amaLungu ngembalelwano ngonyulo lwawo kunye nomhla, nexesha kunye nendawo yentlanganiso elandelayo yeBhodi baze babameme ukuba baye kuloo ntlanganiso."
IBhodi ikhuthaza amalungu ayintloko eNgxowa-mali ukuba athathe inxaxheba kwinkqubo yonyulo luka-2010 bekhumbula ukuba iBhodi yaBaphathiswa inoxanduva olubalulekileyo lokujongana nolawulo kunye nemiba yezemali yeNgxowa-mali kwaye bakwenza oko bejongene neemfuno zamalungu. Ngoko ke kubalulekile ukuba amalungu azinikele ekunyuleni aBaphathiswa abanyanisekileyo nabanezakhonokunyenamavaafanelekileyoukwenzaimisebenziyoBuphathiswa.
Impumelelo yeNgxowa-mali ishukuxwe ngokubanzi kwiNgxelo yemiSebenzi yeGosa eliyiNtloko. Kuye kwavela imingeni kunye nomsebenzi omtsha ongakhange ucingelwe ngeli xa bekucwangciswa amacebo oshishino ka-2009 apha phakathi ku-2009. IBhodi yaBaphathiswakunyenaBaphathibayebayisombululalemingeningokungenantandabuzobazabaqinisekisaukubaiNgxowa-mali ihleli ijolise ekufikeleleni kubizo nakumbono weNgxowa-mali ngaphandle kokuthengisa ngeenkolelo zeNgxowa-mali. Eminye yale mingeni nale misebenzi mitsha iquka ukugqithiswa koshishino lweMEDCOR kwiGEMS, ukufakwa konyuso lwemivuzo olubuyiselwe kwixesha elingaphambili kusenzelwa abasebenzi beenkonzo zoluntu noluchaphazela imirhumo yamalungu kunye namatyala awo, kunye nokuphindakujongisisweimigaqoyokulungelaubulungukwiGEMSyiBhodiyeeNgxowa-malizoNyango.
Unyuso-mivuzo lweeNkonzo zoLuntu olubuyiselwe kumhla ongaphambili
Itheybhile yemirhumo yeNgxowa-mali ebhalisiweyo isekelwe kwimivuzo kwaye amalungu ahlawula imirhumo qho ngenyanga ngokwemivuzo yawo yenyanga. Ukunyuswa komvuzo phakathi enyakeni kungabangela ilungu lihlawule imirhumo ephakamileyo kunakuqalanjengokubalisahlelikwicandeloleziboneleloelinyekuba lilungelaukubakwinqwanqwalemivuzoeliphakamileyokunakuqala.
Nangona iNgxowa-mali iye yawalungisa amanqwanqwa emivuzo kumanqwanqwa emirhumo kwakwamsinyane ukusukela ngomhla woku-1 kuJanuwari ka-2009 ukulungiselela unyuso lwemivuzo luka-2009 kwiinkonzo zezoluntu, imivuzo yamalungu eGEMS iye yatshintsha kakhulu kunoko bekulindelwe ngenxa ye-OSD kunye nokulungiswa kwamanqwanqwa emivuzo. IBhodi iye yajonga ukunganeliseki kwamalungu kunye nabo banezabelo ngenxa yoku yaza yajonga ezinye iindlela ezinokusetyenziswa yiNgxowa-mali ukulungiselelaifutheelibilemirhumoesekelwekwimivuzokumalungueGEMSkunyeneenkqubozolawulolwamatyalazeNgxowa-mali.
Umsebenzi wokulungisa amanqwanqwa emivuzo ukuze kuthintelwe ukuchaphazeleka koninzi lwamalungu lunyuso lwemivuzo nokuqinisekisa usasazo lwamanqwanqwa emivuzo ngendlela elinganayo namalungu kwinqwanqwa lomvuzo ngalinye, uyakwenziwa ngo-2010. Kwaye kuyakwenziwe nenguqu kwimigaqo ukuze kuthintelwe ukuqokelelwa kwemali yamatyala ebuyiselwe umva ngenxa yeenguquzemivuzo.
Indlela amalungu asifumanisa singayo
Ukugcina uxanduva lweBhodi kunye nobizo lweNgxowa-mali lokubonelela bonke abasebenzi beenkonzo zoluntu ngamathuba alinganayo okufikelela kwizibonelelo zezempilo ezifikelelekayo ngokwemali nezipheleleyo, kuye kwathathwa amanyathelo okuphucula ukufikelelakunyenokuphuculaindlelaamalunguafumanisangayoiinkonzozethu.
INgxowa-mali iqale inkqubo yokusebenzisa iimvulophu zoshishino zokuphendula kwimiba ephathelelene nothungelwano olufuna impendulokumalungu.
Kuye kwaqalwa inkonzo yokujonga izibonelelo nge-SMS kumacandelo onke ezibonelelo ukwenzela amalungu abe nokuqinisekisa iziboneleloanokuzifumanawonakunyenabaxhomekekekuboababhalisiweyo.
Onke amaziko okunceda amalungu ekungenwayo kuwo aye alungiswa ngaphakathi aza amanye atshintshelwa kwezinye izakhiwo ezitshaneziphucukileyokunakuqala.Kuyekwavulwaizikolokuncedalesibiniekungenwayokulokwiphondongalinyekulungiselelwa ukubakubelulaukubaamalunguafumaneiinkonzongokukhawuleza.
Kuye kwaqalwa iingxelo zemirhumo zekota ukunceda amalungu aqinisekise ukuba imirhumo yawo ihlawulwa ngexesha rhoqo.
Kuye kongezwa amaxesha eenkonzo kumaziko oncedo ngomnxeba nakumaziko ekungenwayo kuwo, kuqukwa neenkonzo zangemiGqibelo.
Umbulelo
ABaphathiswa
IBhodi yaBaphathiswa isebenze ngokulinganayo nangenkuthalo ngeli xesha lihlolwayo. Kuye kwabanjwa iintlanganiso zeBhodi neeKomiti ezingama-33 ziphelele kwaye akukhange kubekho zintlanganiso zimiswayo kweli xesha lihlolwayo ngenxa yokungabikho kwabantu aboneleyo. Iintlanganiso zeBhodi nezeeKomiti ziqhutywe ngendlela enentsebenzo nangendlela elula, zenza iBhodi ibe nakho ukuhlangabezana nemiba yezemali ephakathi kwemida yolawulo lwayo. Ukuzinikela kwaBaphathiswa ngokungagungqiyo kubabonelelwabaleNgxowa-malikuhlelikuluphawulwaleBhodikwayendinqwenelaukubabulelangegalelolabokomnyeunyakaozele impumelelokuleNgxowa-mali.
Amalungu eKomiti aZimeleyo
IGosa eliyiNtloko
IBhodi ikholisekile ziziphumo ezize naBaphathi abaziNkokeli zeNgxowa-mali kunye nabasebenzi abaphantsi kwenkokelo yeGosa eliyiNtloko.
Isicwangciso saMacebo sonyaka siqalisa uxanduva lweBhodi ngokuthi sikhokele imisebenzi yeGosa eliyiNtloko kunye neyaBaphathi, sibonelelo ngolawulo lokulinganisela intsebenzo nokuqinisekisa ukuba ishishini leNgxowa-mali linentsebenzo kwaye lisebenza lula. Ngaphezu koko, isicwangciso saMacebo senza iBhodi ihlaziye zonke inkalo zeshishi leNgxowa-mali kwaye iqinisekise ukuba,njengokubaelishishiniliphethwekakuhle, likwagcinwelikwaziukuzithwala.
NjengeGosa eliyiNtloko, ndiligosa eliphendulayo leNgxwa-mali kwaye luxanduva lwam ukuqinisekisa ukuba izicwangciso zomsebenzi zeNgxowa-mali zilungiselelwe ukwenza isicwangciso saMacebo oshishino esivunywe yiBhodi sibe nentsebenzo kwaye sisebenze lula, kwaye, nangaphezulu, ndiqinisekise ukuba iingxelo ezimiselweyo zokuchaza intsebenzo ngokuthelekisa nezalathisi zentsebenzo ziyenzekarhoqo.
IsiCwangciso saMacebo oShishino sisebenze njengomyalelo wako konke kubaphathi ngonyaka wemali ka-2009. Ngokwale ngcinga, ndingenisa ingxelo ephathelelene nesiCwangciso saMacebo oShishini. Inkcazelo encedisayo malunga nezalathisi zoshishino ezibalulekileyo, neendlela zamvanje kunye namanani anikezelwe kwiNgxelo yeBhodi yaBaphathiswa equlathwe kumaphepha asukela kwelama-23ukuyakwelama-50kulengxelo.
Ukuze sibhengeze kwaye sibeke iGEMS kwimarike njengeNgxowa-mali yezoNyango eGqwesileyo kuwo onke amalungu nakwabo banokuba ngamalungu size sithobe inani labasebenzi abangena-inshorensi ngendlela ebonakalayo kwiiNkonzo zoLuntu
Inkqubo yeNgxowa-mali yolawulo lwenkampani iphuhliswe nangakumbi ngokuqalwa kokuhlola ngaBaphathiswa nangabasebenzi. Injongo yenkqubo yokuphicothakukuqinisekisaukubaaBaphathiswa,amalunguekomitiazimeleyo kunyenabasebenzibakulungeleukubambaizikhundlae-ofisini.Kuyekwaqeshwa umboneleli wokuphicotha ozimeleyo ukuba enze olu Phicotho lufunekayo yaza ingxelo esisiphumo salo yangeniswa kwinkampani yangaphandle eqeshwe njengomphicothi-zincwadiweencwadiwangaphakathiukuze izihlaziye.
IMigaqo yeGEMS ebhalisiweyo iye yenziwa uhlahlelo olupheleleyo ukuze kuqinisekiswe ukuba imigaqo inesihlahla kwaye iyassebenza. Ngolu hlaziyo, imigaqo ecacisa abantu abanokubhaliswa njengabaxhomekeke kumalungu iye yalungiswa ukuqinisekisa ukuba icacile kwaye isetyenziswa ngohlobo olunye. Kuye kwaqalwa nemigaqo emitsha ejoliswe ekuphathweni kakuhle kweNgxowa-mali. Umgcini-zincwadiweeNgxowa-malizoNyangoubhaliselemigaqoilungisiweyoukuzeiqaleukusebenzaukususelangowama-30kuJunika-2009.
UMphathiswa weeNkonzo kunye noLawulo loLuntu uhleli echazelwa ngemo yeNgxowa-mali kwaza kwakho ubudlelwane obuvela macalakunyenaye.
Ukuze senze ukratya, siqokelele intsalela eyaneleyo kuvimba kwaye sigcine izinga lobalo-mali elincomekayo
INgxowa-mali iqokelele imirhumo engange-R8,9 billion yaza yahlawula amabango angange-R7,9 billion, nto leyo eshiye uchatha ongange-R774 million kulo nyaka. Iindleko ezingezizo ezonakekelo lwempilo ziye zalawulwa kakhulu zaza zayi-7.19% yengeniso yemirhumo iphelele. Kuye kwabakho imbuyekezo yotyalo-mali engange-5% ngenxa yokusetyenziswa kwecebo lokutyala leNgxowa-malingokungaqungqiyoemvakokoiNgxowa-maliibenokratyaongange-R263millionemvakokutsalelwakulonyaka.
NeeNkonzo zoLawulo lwesiFo sikaGawulayo kubabonelelwa bawo onke amacandelo ezibonelelo eGEMS abhalisiweyo.
Umsebenzi wokufumanisa amanye amalungiselelo okubuyiswa kwemali uqaliswe ngokwenziwa kweprojekthi yovavanyo phakathi kweNgxowa-mali kunye neKZN Specialist Network. Injongo yeprojekthi yovavanyo kukufumanisa nokulinganisela ukuthobeka kweendleko zonakekelo lwempilo okunokuthi kubekho ngenxa yephulo lentsebenziswano elinokwenziwa yiNgxowa-mali kunye nonxibelelwano lwababoneleli bonakekelo lwempilo. Bekuthethwe nazo nezibhedlele ngezinye iindlela zokuhlawulela amalungiselelo okubuyiselaimaliyenkonzo.
Ukugcina nokuphucula iinkonzo zenkampani zengxowa-mali
Ukucwangciselaukuvalwakwezikhewuzemisebenziebalulekileyokuyekwanikwaingqalelongelixeshalihlolwayokwazakwaphuhliswa isicwangciso sokuvalwa kwezikhewu zemisebenzi ebalulekileyo kusenzelwa iGosa eliyiNtloko, saza savunywa yiBhodi. Yonke imigaqo-nkquboyeGEMSefunekayoyokuvalwakwezikhewuzemisebenziebalulekileyongokuikhonakwayeiyasetyenziswa.
UmGaqo-nkqubo weNgxowa-mali woLawulo lweNgozi uye waphinda wahlaziywa ukuze uquke izalathiso ezichanekileyo zeNgxelo ka-KingIIImayelananoLawulolweeNkampani.
Imingeni kunye nemiba yokuthobela imithetho
Umlinganiselo wanyanga le wokuphumelela kwamalungu ekusebenziseni inkonzo yabaHlobo beGEMS usahleli ngaphantsi kwe-50%. Kuye kwathathwa amanyathelo awohlukileyo ngaBaphathi ukuze babone lo mlinganiselo wempumelelo usiba ngcono, kuqukwa nokuhanjiswa koluncwadi lwendlela yokusebenzisa le nkonzo kumalungu. Ngokuqaliswa nokuqhubekeka kokuhanjiswa kwemiyalezo ngokuphindaphindeneyo,kulindelekeukubaumlinganiselowempumelelouyakuphucukaekuhambenikwexesha.
Bringing health within your reach yokuba ngaphezu kwe-20% yamalungu kweli candelo adla umhlalaphantsi (aphindaphindwe kathathu kunomlinganiselo oqhelekileyo wabadla umhlalaphantsi kule Ngxowa-mali iphela). Ixabiso kunye nobuninzi bamabango budlulile kuqikelelo, kumalungu e-Onyx amatsha namadala. Koko izibonelelo kunye nemirhumo ziye zalungiswa ngo-2008 kusenzelwa u-2009 ukuze kuphuculwe ukwenziwa kwamabango kwaye kuxandiswe iintlobo zamalungu kweli candelo. UMgcini-zincwadi usivumile isicwangciso soshishino seli candelo ukuzesikwaziukuzithwalakungekudalakwayekunikwaneengxeloezicwangcisiweyo.Okubalulekileyo,icandelo le-Onyxliyelabhaliswa njengecandelolezibonelelolika-2010emvakokungeniswakwesicwangcisososhishinosika-2010.
Isishwankathelo kunye nomqukumbelo
Imibulelo
KuSihlalo, kwiBhodi yaBaphathiswa nakwiiKomiti
Amalungu eeKomiti ezizimeleyo abenegalelo lezakhono zawo ezixabisekileyo apha enyakeni kwaye ndinqwenela ukubulela lamagcisa ngokuzinikelakwawokubabonelelwabeGEMS.
KubaBoneleli ngeeNkonzo
KuMphathiswa weeNkonzo noLawulo loLuntu
Ndinqwenela ukwenza umbulelo ongazenzisiyo kuMphathiswa ngokwenza le Ngxowa-mali ukuba iqhube kakuhle nangokuyixhasa kwimicimbiyayonakwiinkqubozayo.
KwiBhodi yeeNgxowa-mali zoNyango
Kusapho lwam
Inombolo yobhaliso: 1598
INKCAZELO YENGXOWA-MALI YONYANGO
Imimiselo yobhaliso
Ngo-2009 bekunikezelwa kumalungu ngamacandelo ezibonelelo amahlanu, njengoko kuyalelwe kwimiGaqo yeNgxowa-mali ebhalisiweyo, abizwa ngokuba:
Isicwangciso semali eselugcinweni
Uxanduva lwesicwangciso sokugcina imali lumele imirhumo yesicwangciso semali eselugcinweni eyile nxalenye idipozithwayo yesivumelwano se-inshorensi esiphakathi kwamalungu neNgxowa-mali, itsalwe amabango ahlawulwe yiNgxowa-mali kuxanduva lwemali eselugcinweni egameni lamalungu ayo. Le mali eyidipozithi yahlulahluliwe, kuba iNgxowa-mali iyakwazi ukulinganisela le mali yedipozithi ecaleni kwaye imigaqo-nkqubo yayo yobalo-mali ayilindelanga ukuba ingxowa-mali yamkele onke amatyala kunye namalungelo avela kule mali yedipozithi. Inxalenye ye-inshorensi yemirhumo yamalungu yanyanga le yamkelwa ngokwemimiselo ye-IFRS 4.
Unakekelo olulawulwayo kunye namalungiselelo okugqithisela ingozi
ULAWULO NOKUPHATHA
IBhodi yaBaphathiswa ese-ofisini kulo nyaka uhlaziywayo
Idilesi ye-ofisi neyeposi yeGosa eliyiNtloko
Umlawuli weNgxowa-mali yoNyango waphakathi enyakeni, idilesi ye-ofisi neyeposi
Iinkcukacha zabo nazi:
Idilesi ye-ofisi yoMphicothi-zincwadi weencwadi kunye neyeposi
Imisebenzi yotyalo-mali yeNgxowa-mali iyibeka esichengeni seentlobo-ntlobo zeengozi zezemali, kuqukwa nefuthe lemilinganiselo yenzala. Inkqubo yeNgxowa-mali yolawulo lwengozi iphelele ijolise kukungabinazigqibo kweemarike zemali kwaye ikhangela indlela yokuthoba ifuthe elinokuba libi kwintsebenzo yezemali yotyalo-mali lweNgxowa-mali ukuze ifezekise uxanduva lwayo kumalungu.
Ulawulolwengozikunyenezigqibozotyalo-malizenziwangaBaphathibeNgxowa-maliphantsikwezikhokelokunyenemigaqo-nkqubo evunyweyiBhodiyaBaphathiswa.ABaphathiabaPhezulubabonelelangeenkoleloezibhaliweyozolawulolwengoziluphela,kwakunye nemigaqo-nkqubo ebhaliweyo malunga neenkalo ezithile njengengozi yemilinganiselo yenzala, ingozi yetyala, ukusetyenziswa kwezixhobo zezemali ezisuselwe kwezinye nokutyala imali eseleyo.
UHLAHLELO LWEMISEBENZI YELI XESHA LIPHENDULELWAYO
Izitathistikhi zoshishino olubalulekileyo kunye nemida yentsebenzo ivezwa kweli candelo leNgxelo yeBhodi ukubonisa indlela ishishini leNgxowa-mali elikhule ngayo, indlela iinkonzo ezinikezelwe ngayo kunye nendlela ishishini eliqhube ngayo ngeli xesha.
Ukukhula kobulungu ngo-2009 kubangele iNgxowa-mali yongeze amalungu amatsha angama-109,000 kulo nyaka. Ukwanda kobulungu kubangele ukwanda kwinani leminxeba yamabango afunyenweyo, ahlolwa aza ahlawulwa. Ngokupheleleyo, iNgxowa-mali iye yahlawula amabango angaphezu kwezigidi ezingama-47 ngo-2009 (xa kuthelekiswa namabango azizigidi ezingama-32 ngo-2008).
Inani labaBonele
Oogqirha bamehlo 1,082 1,106 1,130 1,130 1,144 1,152 1,160 1,138 1,160 1,220 1,220 1,234
Oogqirha bamazinyo 1,073 1,083 1,103 1,117 1,121 1,125 1,132 1,137 1,132 1,134 1,134 1,137
Izibhedlele 250 251 268 270 270 270 270 270 270 270 271 276
Okwenzekayo kumaLungu
Icandelo le-Emerald liselelona candelo lezibonelelo likhulu (i-76.6% yamalungu ayintloko) njengokuba i-Beryl iselelona candelo lezibonelelo lincinci apha kwiNgxowa-mali (i-2.8% yamalungu ayintloko). Icandelo le-Sapphire lelona libonise eyona pesenti inkulu yokonyuka kukhulu ngelungu ngenyanga xa ithelekiswa namanye. Eli candelo libonise owona mlinganiselo wokukhula kwiinyanga ezintlanu ezilandelelanayo ukuya kutsho ngoDisemba, lingqinisisa impumelelo yephulo leNgxowa-mali lokubhengezela abantu abathile kwezi nyanga zichaphazelekayo.
Ngo-2009 ulinganiselo lwabantwana abaxhomekekileyo xa luthelekiswa namalungu ayintloko kwiGEMS lunyukile kancinci ukusuka kwi-1.20 ukuya kwi-1.28, njengokuba ulinganiselo lwabantu abadala abaxhomekekileyo lwehlile ukusuka ku-0.54 ukuya ku-0.53. INgxowa-mali ibonise unyuko kumyinge wobukhulu bosapho njengesiphumo sezi zinto zingentla.
Okwenzeke kumabango
Ukuhlawulwa kwamabango kumele inxalenye enkulu yomsebenzi owenziwe yiGEMS.
Kukonke, amabango angaphandle kwesibhedlele bengaphezulu kakhulu kunoko bekulindelwe, ukutsho oko, bengaphezulu nge-18.77% kunoko bekulindelwe. Zonke iindleko zamabango angaphandle kwesibhedlele ngaphandle kweezikeni ze-ultrasound zokuthwala, bengaphezulu kunolwabiwo-mali. Iindindi zamabango ezibe neyona yantlukwano yepesenti inkulu kunolwabiwo-mali ibizezamazinyo ezikhethekileyo, iNtsholongwane/isiFo sikaGawulayo kunye nokubelekela ekhaya. Kodwa, ngaphandle kweNtsholongwane/kwesiFo sikaGawulayo, xa kuthethwa iyantlukwano ibikho kulwabiwo-mali yezi ndidi zamabango ibingekho kangako.
Xa kuthethwa, eyona yantlukwano inkulu kunolwabiwo-mali lwamabango angaphandle kwesibhedlele ngoogqirha abakhethekileyo bangaphandle kwesibhedlele, amayeza ezigulo ezifutshane nawokuzinyanga, iNtsholongwane/isiFo sikaGawulayo kunye nezamazinyo ezikhethekileyo. La mabango ibingawo abangela iyantlukwano ebikho kumabango angaphandle kwesibhedlele ngo-2009.
Ulawulo lwengozi yempilo
Ukonyuka kweendleko ngobom xa ulaliswe esibhedlele nge-16% kumayelana nokonyuka kweentlawulo zesiqhelo kunye neenguqu kwixesha elihlalwayo esibhedlele njengoko kuboniswe kwigrafu apha ngezantsi.
Ukunyuswa kwamaxabiso e-SEP ne-NHRPL okuqalwe phakathi kulo nyaka bekuphakamile kunoko bekucingelwe kulwabiwo-mali luka-2009 kunye nokufakwa kwamaxabiso, nto leyo ethobe ulinganiselo lwemali ekuvimba nge-0,89%;
Iyantlukwano yokuxubana kwamalungu ngecandelo iye yangaphezu kunoko bekulindelwe, iintlobo zabantu kunye nabaxhomekeke kubo;
Inkcitho kwizinto ezingezizo ezempilo iye yangaphezulu kunoko bekulindelekile;
Inkcitho kumabango iye yangaphezulu kunoko bekulindelekile nge-7%; kwaza
Ukuguga kwamalungu kwaye kucaca.
Intshukumo koovimba iboniswe kwiiNgxelo zeeNguqu eziMalini nakooVimba. Khange kubekho ntshukumo ingaqhelekanga ekucaciseka ukuba aBaphathiswa bafuna iboniswe amalungu eNgxowa-mali.
Amaqela abaqeshi ahlawula emva kwexesha
Ngokwemimiselo yomGaqo 13.2 wemiGaqo yeNgxowa-mali yeGEMS neCandelo 26 le-Medical Scheme's Act imirhumo yamalungu kufunekaingeneqhongenyangangemaliesemvanehlawulekangaphambikosukulwesithathuenyangeninganye.Kwelixeshalihlaziywayo, amanye amaqela abaqeshi ahlawule imirhumo egameni lamalungu awo emva kosuku lwesithathu enyangeni. Abaphathi beNgxowa-mali baye bathetha nala maqela abaqeshi kuthethwa ngawo ukufumanisa izizathu zokuhlawula imirhumo emva kwexesha nokugxininisa ifuthe lalo mkhuba kumalungu eNgxowa-mali. UMphicothi-zincwadi Jikelele uye wachazelwa ngala maqela abaqeshi ahlawula emva kwexesha.
Ukusekelwa kwezibalo kunye nentshukumo yemali ebekelwe amabango angekahlawulwa kuiboniswe kwiNqaku 8 leengxelo zezemali zonyaka. Khange kubekho ntshukumo ingaqhelekanga ekucaciseka ukuba aBaphathiswa bafuna iboniswe amalungu eNgxowa-mali.
UTYALO-MALI KUBAQESHI ABATHATHA INXAXEHEBA BAMALUNGU ALE NGXOWA-MALI YONYANGO
INgxowa-mali ayinatyalo-mali kubaqeshi abathatha inxaxheba kule Ngxowa-mali.
IKOMITI YABAPHICOTHI-ZINCWADI
IKomitiyaBaphicothi-zincwadi iyalelweyiBhodiyaBaphathiswangemimiseloyesalathisoebhaliweyo(i-AuditCommitteeCharter)ngamalungu ayo, ngamagunya ayo nangemisebenzi yayo. Le Komiti inamalungu amathandathu, isibini sawo ngamalungu eBhodi yaBaphathiswa. Uninzi lwamalungu, kuqukwa nosiHlalo, abangamaGosa eNgxowa-mali okanye nabaphi na kubaboneleli bayo. Ilungu elinye elizimeleyo lalingumphathiswa ngaphambili.
IKomiti iye yahlangana amatyeli amathandathu ngo-2009, ngale ndlela ilandelayo:
IGosa eliyiNtloko, uMlawuli: ezeMali zeNgxowa-mali, umPhathi wezeMali woMlawuli, aBaphicothi-zincwadi bangaPhakathi beNgxowa-mali kunye naBaphicothi-zincwadi bangaPhandle babakho xa bemenyiwe kwiintlanganiso zeKomiti kwaye bayakwazi ukufikelela kuSihlalo weKomiti yaBaphicothi-zincwadi.
Ngokwemimiselo yamagatya e-Act, umsebenzi ophambili weKomiti yaBaphicothi-zincwadi kukuncedisa iBhodi yaBaphathiswa ekwenzeni imisebenzi yayo emayelana nemigaqo-nkqubo yobalo-mali lweNgxowa-mali, iinkqubo zolawulo zangaphakathi kunye neengxelo zezemali kunye nezithethe zokulawula iingozi. IKomiti yaBaphicothi-zincwadi iyenzile imisebenzi yayo ngokwemimiselo ye-Audit Committee Charter ka-2009. Abaphicothi-zincwadi bangaPhandle naBaphicothi-zincwadi bangaPhakathi bafaka ingxelo ngokusesikweni kwiKomiti ngemiba ebalulekileyo efunyanisiweyo evela kwimisebenzi yokuhlolwa kweencwadi.
EZINYE IIKOMITI ZEBHODI YABAPHATHISWA
IiKomiti ezidweliswe apha ngezantsi ziyalelwe yiBhodi yaBaphathiswa ngokwemimiselo yesalathiso esibhaliweyo ngamalungu azo, amagunya azo kunye nemisebenzi yazo. Ezi Komiti zihlangana kanye ngekota ubuncinane kwaye njengokuba kubonisiwa kwisicwangciso sonyaka esivunywayo ngonyaka ngamnye. Iintlanganiso zeKomiti zihanjwa ngaBaphathiswa, aBaphathi beNgxowa-mali kunye namanye amagcisa angengomalungu ezi Komiti, aza njengabacebesi. Iitheybhile kumaphepha 49 no-50 zibonisa ukuhanjwa kweentlanganiso zeeKomiti ezahlukileyo.
IKomiti yemiSebenzi
Uxanduva oluphambili lweKomiti kukunceda iBhodi yaBaphathiswa ekuqinisekiseni ukuphathwa kweNgxowa-mali kakuhle ngokubonelela ngokujonga, ukuphicotha kunye nokuhlaziya iinkalo zonke zoshishino kunye nemisebenzi yeNgxowa-mali. Ukwenza oku, iKomiti incedisa iBhodi yaBaphathiswa ekuqinisekiseni ukuba kukho unaniselwano olungenamagingxiginxi phakathi kwababoneleli abohlukileyo ukuze kufezekiswe iinjongo zemisebenzi yeNgxowa-mali. IKomiti ikwanceda iBhodi ekuqinisekiseni ukukhula kobulungu beNgxowa-mali nokujongwa kakuhle kwemiba yamalungu ngokujonga imisebenzi yothungelwano neyokubhengeza.
IKomiti ihlangane:
IKomiti yokwenza uBuntu
Uxanduva oluphambili lwale Komiti kukuphicotha, yenze isigqibo ize inike ingxelo ngokuvunywa kweentlawulo zobuntu kumalungu eNgxowa-mali. IKomiti iyalelwe ukuba ivume iintlawulo ezibonisa ubuntu kuphela xa imeko kunye nokunganikezelwa konyango kusongela ubom bomntu; unyango luyakukhokelela ekuphuculweni kwezinga lobom lomceli-ncedo; unyango lufanelekile ngokwezonyango kwaye lusekelwe kwizikhokelo nemigaqo yezonyango esekelwe kubungqina neyamkelekileyo kumazwe ngamazwe; okanye umceli-ncedo ubonisile ukuba akanakukwazi ukufikelela kunyango nangayiphi na indlela.
Apreli 2009
Meyi 2009
Agasti 2009
-17 Novemba 2009
IKomiti yoLawulo, yeNgozi nabo baneZabelo
IKomiti iyalelwe yiBhodi yaBaphathiswa ukuze iqinisekise ngolawulo lwenkampani olukhuselekileyo ngokuthi ijonge, iphicothe kwaye ihlaziye zonke iinkalo zamacebo oshishino, zolawulo kunye nokuthotyelwa komthetho lushishino leNgxowa-mali. Uxanduva lwale Komiti luquka ukuqinisekisa ukuthotyelwa komthetho we-Medical Schemes Act kunye nemiGaqo yayo; imithetho yokupeyithenta kunye noweempawu zorhwebo; nayiphi na eminye imithetho ephathelelene neshishini leNgxowa-mali. IKomiti ikwayalelwe ukuba iqinisekise ulawulo lwengozi olusebenzayo kunye nolawulo lwabanesabelo olusebenzayo. IKomiti ihlangane:
Uxanduva oluphambili lwale Komiti kukuzijongela ngokuzimeleyo nokuhlalela iingxwabangxwaba ezithunyelwa liGosa eliyiNtloko kwiKomiti yeeNgxwabangxwaba ukuze yenze isigwebo inike ingcebiso kwiBhodi yaBaphathiswa ngendlela yokuhlangabezana neengxwabangxwaba jikelele. IKomiti yeeNgxwabangxwaba iye yahlangana:
